UKUBA NGUMMI, ULAWULO LWENTANDO YENINZI NOMTHETHO WOKULINGANA
Yintoni ukuba ngummi?
Ukuba ngummi yintetho echaza umntu nokunxulumana kwakhe nesizwe. Xa ijongwa ngokubanzi, ubimi bunika iwonga, amalungelo neemfanelo ebantwini, kwaye ibeka amagunya kwaye iyalunciphisa umgama womsebenzi karhulumente. Bungundoqo kwiinkqubo zoorhulumente kwipolitiki yoorhulumente bentando yoninzi, buseka inkqubo-sikhokelo samalungelo neemfanelo kwaye zichaza ukunxibelelna kwabantu norhulumente.
Zininzi iingxoxo-mpikiswano malunga nokuba ngummi. Abanye abahlalutyi bagxininisa izintlu ezibanzi ezithathu:
Amalungelo karhulumente (abandakanya ukukhuleka komntu, umbutho, intetho, ukholo, amalungelo esivumelwano nelungelo kubulungisa).;
Amalungelo ezopolitiko (ilungelo lokuthatha inxaxheba kubomi bezopolitiko boluntu); kunye
Namalungelo asekuhlaleni (amalungelo ezentlalo-ntle nokhuseleko).
Ukuthatha inxaxheba ngokupheleleyo nangempumelelo kwiinkqubo zolawulo lwentando yeninzi kufuna ukuba onke amalungu oluntu abe nokufikelela kwizinto eziyimfuneko eziziimfuno zobomi. Oku kubandakanya ukufikelela kukutya ofunekayo, amanzi, izindlu, imfundo esisiseko nezempilo eziyimfuneko.
Ukuba ngummi kuquka ukunyanzeleka kukarhulumente ukuba abonelele ngeemfuno ezisisiseko ezingundoqo ezifana nezempilo nemfundo.Imigaqo-nkqubo yezentlalo ziimfanelo zabemi. Umgaqo-nkqubo wezentlalo inoxanduva lomcimbi wokuba ngubani na obonelela ngezentlalo-ntle, phantsi kwawaphi amalungiselelo ezentlalo nezopolitiko, kwaye kubonelwela bani ngale ntlalo-ntle.
Bunxulumene ngantoni ubumi nokulingana ngesini?
Kanye phakathi kweli gama lithi ubumi kumazwe anolawulo lwentando yeninzi kukho ukulingana phakathi kwamalungu oluntu. Kuyaqondwa ngokubanzi kunjalo ukuba kukho ukungalingani ngokweenkqubo zamazwe anolawulo lwentando yeninzi - bonke abemi abalingani. Nakuba ulawulo lwentando yeninzi lunika abemi amalungelo, ukusetyenziswa kwamalungelo abemi ngempumelelo yinto ekhathaza kakhulu kubantu abasingelwe phantsi abafana nabafazi nabantu abangamahlwempu.
Ilungelo lovoto likawonke-wonke (ilungelo lokuvota lawo onke amalungu kunyulo) alikawuphenduli ngokwaneleyo umcimbi wokulingana; okuchasene noku, ibonisile ukuba ukulingana kungaqhubeka ngaxeshanye nje kakuhle neenkqubo zokungalingani.
Ukungalingani ngokwesini nocalucalulo kuhleli kuzinze kwimibutho, izithethe nendlela abahlali abazithatha ngayo izinto kwaye ukusetyenziswa ngokuchanekileyo kwamalungelo abemi ngabafazi kungacela umngeni kucalucalulo kukhuthaze ukulingana. Ngoko ke kukho ukuzalana okukhoyo phakathi kokuba ngummi nokulingana ngokwesini. Ukusetyenziswa ngokuchanekileyo kobumi ngabafazi nokugqala ukunxibelelanisa imicimbi yesini nomthetho, imigaqo-nkqubo karhulumente neenkqubo neendlela, iindlela zokwenza namaziko karhulumente ziyafuneka xa ufuneka ukulingana ngokwesini kuphumelele.
Intetho yolawulo olulawulwa yintando yeninzi luya kusebenza ngokuvokothekileyo xa amaqela ezopolitiko nolawulo lwesizwe egqitywa kunye ngamadoda nabafazi ejonge ngokulinganayo okusemdleni nokukwazi ukusebenza kwalo omabini la macala oluntu.
Ukuba ngummi eMzantsi Afrika
Umgaqo-siseko ubonelela ngokuba kukho ukuba ngummi woMzantsi Afrika okufanayo kwaye bonke abemi boMzantsi Afrika banamalungelo ngokulinganayo, izinto ozifumana ngokuba ngummi kwaye kufuneka ngokulinganayo benze imisebenzi babenoxanduva lokuba ngabemi. IBhili yamaLungelo ethu ibekela abemi nabanye amalungelo aseburhumenteni, awopolitiko nawasekuhlaleni.
Amalungelo oluntu akwiBhili yamaLungelo oLuntu abandakanya ilungelo lokulingana, lesidima somntu, ukukhululeka nokukhuseleka komntu, ukwenza izinto ngasese, ukukhululeka kwinkolo, ukukholelwa noluvo, ukukwazi ukuvakalisa nokunxibelelana nelungelo lokuhlangana, nibonakalise, niphikethe nifake isicelo somakwenziwe.
Amalungelo ezopolitiko abemi baseMzantsi Afrika aboniswe kwiBhli yamaLungelo ngolu hlobo:
Amalungelo opolitiko
Wonke ummi ukhululekile ukuba azikhethele kwezopolitiko okubandakanya oku-
a Ukuyila iqela lopolitiko;
b Ukuthatha inxaxheba kwimisebenzi, okanye ukufunela iqela lopolitiko amalungu; kunye c Nokugayela iqela lopolitiko amalungu okanye esinye isizathu
Bonke abemi banelungelo lonyulo olukhululekileyo, olungenamkhethe nolwenzeka nakuliphi iziko lolawulo elisekwe ngokumalunga noMgaqo-siseko.
Nawuphi ummi omdala unelungelo:
a Lokuvotela naliphi na igunya lolawulo kunyulo ngokumalunga noMgaqo-siseko, kwaye akwenze oku ngasese; kwaye amele isikhundla soluntu aze akunyulwa, abambe isikhundla eso.
Ukwandisa amalungelo obumi abafazi
Inkululeko ayinakufunyanwa ngaphandle kokuba abafazi bakhululeke kuzo zonke iindidi zengcinezelo. Sonke masikuthathele phezulu, ukuba iinjongo zeNkqubo yoKwakha nokuPhuhlisa ngezingabangakho ngaphandle kokuba sibonr gca ukuba imeko yabafazi belizwe lethu itshintshile yabangcono, kwaye kuzo zonke iimeko banikwe amandla elingana nalo naliphi na ilungu loluntu." "
Ukulingana ngokwesini kuxinzelelwe njengowona mgaqo wolawulo lwentando yeninzi olutsha. Abafazi bakhona kwezopolitiko ngendlela ebonakalayo njengamanye amazwe, imithetho emininzi eqhubela phambili ukulingana ngokwesini iphunyeziwe yiPalamente kwaye iindlela zamaziko, afana neKhomishini yokuLingana ngokweSini zikhona ukulungelelanisa nokukhuthaza ukulingana ngokwesini.
Ukukhuthaza ukustyenziswa ngempumelelo kwamalungelo abafazi obumi
Amalungelo entlalo noqoqosho
Ubuhlwempu nokungalungi koqoqosho zibachaphazela ngokulinganayo abafazi. Abafazi bachatshazelwa kukungabinazo iinkonzo zentlalo. Ngabafazi abangamahlwempu abanoxanduva lukukha amanzi nokufuna izinto zokubasa ekhaya, beqinisekisa ukuba abantwana bayanxiba, batyiswe bafumane nemfundo eyimfanelo, bazame nokufumanela iimfuno zempilo zeentsapho zabo.
Nakuba kubekho inkqubela phambili kumthetho, abafazi basajongene nemiqobo emininzi kumalinge abo okufikelela kwingqesho ephucukileyo, ukukhuseleka ekuhlaleni ukufumana izinto zexabiso ezifana nomhlaba. Ezi zithintelo zibandakanya ukungalingani komthwalo wokuvelisa abantwana nokubakhathalela, ucalucalulo kwimakethe yomsebenzi, izithethe nemithetho ecalucalulayo yeenkonzo nentlalo, ukungamelwa kumaziko ezopolitiko noqoqosho, kunye nodlakazeliso olwenziwa ebafazini.
Ukujonga ukwenzeka nokunyanzelisa kwenzeke
Indlela yenkqubo elungiseleweyo yokujonga ukwenzeka kokukhuthaza kokuba ngabemi kwabafazi nokwenza kwenzeka amalungelo abafazi entlalo noqoqosho kubalulekile ukuze baqondwe ngokuphumeleleyo. Oku kujongwa kunokwenzeka kumanqanaba amaninzi. Umgaqo-siseko unike inxaxheba ethile kwiKhomishini yamaLungelo oLuntu ngokunxulumene kumalungelo entlalo noqoqosho nakwiKhomishini yokuLingana ngokweSini ngokumalunga nokulingana kwezini. Umthetho wokuLingana kwiNgqesho nokuKhuthazwa kokuLingana nokuThintela ucalucalulo olungalunganga nawo ubonelela ngeendlela ezibalulekileyo zokujonga ukwenzeka nokunyanzeleka kwenzeke kwamalungelo okuba ngabemi kwabafazi.
Umceli mngeni wokukhangela igalelo elifihlakeleyo lemithetho ebonakala idikidiki nemigaqo-nkqubo kubafazi. Oku kwenzeka xa umthetho ungabuboni ubunyani beendima zesini ezinzileyo kunye nokungalingani kwamagunya kuwo onke amanqanaba
Intshayelelo ngeKhomishini yokuLingana ngokweSini
IKhomishini yokuLingana ngokweSini (CGE) yenye yamaziko karhulumente esahluko 9 aXhasa uMgaqo-siseko wokuLawula ngentando yoninzi echazwe kwicandelo 18 loMgaqo-siseko. Isigunyaziso sayo somgaqo-siseko kukukhuthaza ukulingana nokukhusela, ukuphuhlisa nokufikelela kukulingana ngokwesini.
IKhomishini yokuLingana ngokweSini izimele kwaye ixhomekeke kuphela kuMgaqo-siseko nomthetho. Kufuneka ingabi namkhethe kwaye mayisebenzise amagunya nemisebenzi ekufanele iyenze ngaphandle koloyiko, ukukhetha okanye ukunyanzeleka. Ilawulwa yiKhomishini yoMthetho wokuLingana ngokweSini, 1996 ebeka amagunya nemisebenzi yawo ebanzi .
Amagunya angundoqo nemisebenzi e IKhomishini yokuLingana ngokweSini yile:
Ukujonga ukusebenza nokuvavanya imigaqo-nkqubo nezithethe zikarhulumente namaziko amacandelo angasese;
Ukwenza izindululo kurhulumente ukuze kukhuthazwe ukulingana ngokwesini, kubandakanywa ukundululwa kwezinto emaziguqulwe kulo mthetho ukhoyo kunye nokucebisa ulawulo olutsha.
Ukusombulula iyantlukwano enxulumene nesini ngokuxolelanisa, abuyekeze okanye athethathethane;
Ukuphanda ukungalingani ngokwesini; kunye
Ukujonga ukungqinelana nezixhobo zehlabathi kukhuthazwa ukulingana ngokwesini
IKhomishini yokuLingana ngokweSini inamagunya abalulekileyo anxulumene nokuphanda ngokungalingani ngokwesini. Kule meko, njengoko beqhuba uphando IKhomishini yokuLingana ngokweSini inokuthi-
Ifune nakubani na xa kukho imfuneko iinkcukacha nolwazi;
ifune nabani na avele phambi kwayo aze anikezele ngencwadana okanye amaxwebhu achaziweyo ;
ibuze nabani na phantsi komnqophiso;1
ngegunya lewaranti ekhutshwa ngumantyi okanye yijaji ukuba kukhangelwe nabani na, kungenwe kukhangelwe nayiphi na indawo ze bathimbe kwaye basuse nantoni na emntwini okanye kwindawo enento nokwenza nophando olo.
Amagunya eKhomishini axhaswa sisigunyaziso sokubanetyala kwaye ukungancedisani nophando lweKhomishini kungathetha ukuba unetyala kwaye ekugwetyweni ufanelwe ukugwetywa imali okanye ithuba elithile entolongweni ukuya kwiinyanga ezi-6.
IKhomishini inakho nanini na, ivelele uMongameli okanye iPalamente ngokumalunga nawuphi na umcimbi ophathelene nokwenza amagunya ayo okanye ukwenza imisesebenzi yayo. IKhomishini kufuneka inike ingxelo kuMongameli ngemisebenzi yayo nempumelelo yayo kwiinjongo zayo, ngayo yonke iminyaka, aze naye kufuneke ingxelo leyo ayandlale ngokukhawuleza ePalamente. IKhomishini ikwanakho ukuthi nangaliphi na ixesha ingenise nayiphi na ingxelo kuMongameli okanye ePalamente.
IKhomishini yokuLingana ngokweSini inokuthi makwenziwe izinto phantsi koMthetho wokuKhuthaza ukuLingana nokuThintela Ucalucalulo oluNgalunganga, ngomdla wayo okanye egameni lemidla yelinye iqela okanye yodidi oluthile lwabantu .
Kwakhona, i IKhomishini yokuLingana ngokweSini iliqonga elilelinye ngeenjongo zalo Mthetho. Oku kuthetha ukuba igosa elongameleyo leNkundla yokuLingana umcimbi ingawuthumela kwiKhomishini yokuLingana ngokweSini ukuba uhlalelwe ngokumalunga namagunya nemisebenzi yawo.
Icandelo 12, UMthetho wokuLingana ngokwesini 39 ka- 1996.
